-
-
Xhosa
-
-
16
|Juan 15:16|
Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.
-
17
|Juan 15:17|
Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.
-
18
|Juan 15:18|
Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani.
-
19
|Juan 15:19|
Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.
-
20
|Juan 15:20|
Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam baligcina, nelenu boligcina.
-
21
|Juan 15:21|
Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.
-
22
|Juan 15:22|
Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.
-
23
|Juan 15:23|
Lowo uthiye mna, uthiye noBawo.
-
24
|Juan 15:24|
Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.
-
25
|Juan 15:25|
Kwenzeke ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32