-
-
Xhosa
-
-
9
|Juan 16:9|
ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;
-
10
|Juan 16:10|
ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;
-
11
|Juan 16:11|
ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.
-
12
|Juan 16:12|
Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.
-
13
|Juan 16:13|
Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
-
14
|Juan 16:14|
Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.
-
15
|Juan 16:15|
Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.
-
16
|Juan 16:16|
Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo.
-
17
|Juan 16:17|
Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?
-
18
|Juan 16:18|
Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32