-
-
Xhosa
-
-
29
|Juan 16:29|
Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha.
-
30
|Juan 16:30|
Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo.
-
31
|Juan 16:31|
Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku?
-
32
|Juan 16:32|
Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam.
-
33
|Juan 16:33|
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.
-
1
|Juan 17:1|
Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise;
-
2
|Juan 17:2|
njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.
-
3
|Juan 17:3|
Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.
-
4
|Juan 17:4|
Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.
-
5
|Juan 17:5|
Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30