-
-
Xhosa
-
-
6
|Juan 17:6|
Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.
-
7
|Juan 17:7|
Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.
-
8
|Juan 17:8|
Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.
-
9
|Juan 17:9|
Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.
-
10
|Juan 17:10|
Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.
-
11
|Juan 17:11|
Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.
-
12
|Juan 17:12|
Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke.
-
13
|Juan 17:13|
Ngoku ke ndiza kuwe; nezi zinto ndizithetha ehlabathini, ukuze babe nalo uvuyo lwam luzalisekile kubo.
-
14
|Juan 17:14|
Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.
-
15
|Juan 17:15|
Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 28-30