-
-
Xhosa
-
-
6
|Juan 15:6|
Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.
-
7
|Juan 15:7|
Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe..
-
8
|Juan 15:8|
Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.
-
9
|Juan 15:9|
Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam.
-
10
|Juan 15:10|
Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe.
-
11
|Juan 15:11|
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.
-
12
|Juan 15:12|
Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.
-
13
|Juan 15:13|
Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.
-
14
|Juan 15:14|
Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.
-
15
|Juan 15:15|
Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32