-
-
Xhosa
-
-
25
|Juan 13:25|
Ayamile ke yena esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, nguwuphi na?
-
26
|Juan 13:26|
Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.
-
27
|Juan 13:27|
Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya.
-
28
|Juan 13:28|
Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye.
-
29
|Juan 13:29|
Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; mhlawumbi uthi makawanike into amahlwempu.
-
30
|Juan 13:30|
Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; kwaye ke kusebusuku.
-
31
|Juan 13:31|
Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye.
-
32
|Juan 13:32|
Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku.
-
33
|Juan 13:33|
Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku.
-
34
|Juan 13:34|
Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32