-
-
Xhosa
-
-
5
|Juan 13:5|
aze agalele amanzi esityeni sokuhlambela, aqale ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile.
-
6
|Juan 13:6|
Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlanjwe nguwe na iinyawo zam?
-
7
|Juan 13:7|
Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva.
-
8
|Juan 13:8|
Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule UYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.
-
9
|Juan 13:9|
Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.
-
10
|Juan 13:10|
Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.
-
11
|Juan 13:11|
Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke.
-
12
|Juan 13:12|
Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?
-
13
|Juan 13:13|
Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.
-
14
|Juan 13:14|
Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi, ndinguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34