-
-
Xhosa
-
-
15
|Juan 12:15|
Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile.
-
16
|Juan 12:16|
Ezi zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa, akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zaye zibhaliwe ngaye, nokuba bazenza ezi zinto kuye.
-
17
|Juan 12:17|
Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo.
-
18
|Juan 12:18|
Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso.
-
19
|Juan 12:19|
Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke.
-
20
|Juan 12:20|
Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni.
-
21
|Juan 12:21|
Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu.
-
22
|Juan 12:22|
Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu.
-
23
|Juan 12:23|
Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe.
-
24
|Juan 12:24|
Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34