-
-
Xhosa
-
-
5
|Juan 12:5|
Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswa ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?
-
6
|Juan 12:6|
Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.
-
7
|Juan 12:7|
Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam.
-
8
|Juan 12:8|
Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam.
-
9
|Juan 12:9|
Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo.
-
10
|Juan 12:10|
Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro;
-
11
|Juan 12:11|
ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu.
-
12
|Juan 12:12|
Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem,
-
13
|Juan 12:13|
yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!
-
14
|Juan 12:14|
UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34