-
-
Xhosa
-
-
16
|Josué 7:16|
Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso, wawasondeza amaSirayeli ngokwezizwe zawo, kwacishwa isizwe sakwaYuda;
-
17
|Josué 7:17|
wayisondeza imizalwane yakwaYuda, kwacishwa umzalwane wakwaZera; wawusondeza umzalwane wakwaZera ngokwamadoda awo, kwacishwa uZabhedi;
-
18
|Josué 7:18|
wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.
-
19
|Josué 7:19|
Wathi uYoshuwa kuAkan, Nyana wam, mzukisi uYehova uThixo kaSirayeli, umdumise; khawundixelele into oyenzileyo; musa ukukhanyela kum.
-
20
|Josué 7:20|
UAkan wamphendula uYoshuwa, wathi, Okunene ndonile kuYehova uThixo kaSirayeli, ndenjenje, ndenjenje:
-
21
|Josué 7:21|
ndabona emaxhobeni ingubo enkulu entle yaseShinare yanye, neeshekele zesilivere zaba makhulu mabini, nesinqumka segolide sasinye esiziishekele ezimashumi mahlanu ubunzima baso; ndazinqwenela, ndazithabatha; nanzo zimbelwe emhlabeni phakathi kwentente yam, isilivere ingaphantsi.
-
22
|Josué 7:22|
Wathuma uYoshuwa abathunywa; bagidima baya ententeni; nanzo zimbelwe ententeni yakhe, isilivere ingaphantsi.
-
23
|Josué 7:23|
Bazithabatha phantsi kwentente, bazisa kuYoshuwa, nakoonyana bakaSirayeli bonke; bazikhuphela phambi koYehova.
-
24
|Josué 7:24|
UYoshuwa enamaSirayeli onke, wamthabatha uAkan unyana kaZera, nesilivere, nengubo enkulu, nesinqumka segolide, noonyana bakhe, neentombi zakhe, neenkomo zakhe, namaesile akhe, nempahla yakhe emfutshane, nentente yakhe, nezinto zonke anazo, bazisa entilini yeAkore.
-
25
|Josué 7:25|
Wathi uYoshuwa, Azi, usihlisele ishwangusha! Namhla uYehova uya kukuhlisela ishwangusha. Onke amaSirayeli amxuluba ke ngamatye, azitshisa ezo nto ngomlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10