-
-
Xhosa
-
-
26
|Josué 7:26|
Aphosa amatye phezu kwazo. Amisa phezu kwakhe imfumba enkulu yamatye, ekhoyo unanamhla. Wabuya ke uYehova ekuvutheni komsindo wakhe. Kungoko kwathiwa igama laloo ndawo yintili yeAkore unanamhla.
-
1
|Josué 8:1|
Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini. Thabatha bonke abantu bokulwa, usuke, unyuke, uye eAyi. Yabona, ndimnikele esandleni sakho ukumkani waseAyi, nabantu bakhe, nomzi wakhe, nelizwe lakhe;
-
2
|Josué 8:2|
wenze kwiAyi nokumkani wayo njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo; kodwa nozithimbela amaxhoba ayo, neenkomo zayo; wobeka kuloo mzi abalaleli emva kwawo.
-
3
|Josué 8:3|
Wesuka uYoshuwa nabantu bonke bokulwa, wenyuka, waya eAyi. UYoshuwa wanyula amadoda angamagorha anobukroti, angamashumi amathathu amawaka, wawasusa ngobusuku.
-
4
|Josué 8:4|
Wawawisela umthetho, esithi, Yabonani, ningabalaleli kuwo umzi, emva komzi; musani ukuba kude kakhulu kuwo umzi, lungani nonke niphela.
-
5
|Josué 8:5|
Mna ke, nabantu bonke abanam, siya kusondela kuwo umzi. Kothi, bakuphuma basihlangabeze, njengokuya kokuqala, sisuke sirhole phambi kwabo.
-
6
|Josué 8:6|
Bophuma ke basilandele, side sibarhole kuwo umzi; kuba baya kuthi, Bayasaba phambi kwethu, njengokuya kokuqala. Siya kurhola ke thina phambi kwabo;
-
7
|Josué 8:7|
nisuke ke nina ekulaleleni kwenu, niwuhluthe umzi. UYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu.
-
8
|Josué 8:8|
Kothi, xenikweni nithe nawuthabatha umzi, niwufake isikhuni, nenze ngokwelizwi likaYehova. Yabonani, ndiniwisele umthetho.
-
9
|Josué 8:9|
Wawasusa ke uYoshuwa; aya kulalela, ahlala phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga eAyi; uYoshuwa walala phakathi kwabantu ngobo busuku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10