-
-
Xhosa
-
-
20
|Josué 8:20|
Abheka emva kwawo amadoda aseAyi, abona, nango umsi womzi unyuka usiya ezulwini; akaba namandla okusabela ngapha nangapha; bathi abantu ababesabele entlango, babaguqukela ababasukelayo.
-
21
|Josué 8:21|
UYoshuwa namaSirayeli onke abona ukuba abalaleli bawuthimbile umzi, nokuba umsi womzi uyenyuka, babuya ke bawabulala amadoda aseAyi.
-
22
|Josué 8:22|
Baphuma abaya kuloo mzi, beza kubakhawulela; aba phakathi kwabakwaSirayeli, abanye abangapha, abanye bangapha; bawabulala ke kwada akwasala usabileyo, nosindileyo.
-
23
|Josué 8:23|
Bambamba ehleli ukumkani waseAyi, bamsondeza kuYoshuwa.
-
24
|Josué 8:24|
Kwathi, xa amaSirayeli abegqibile ukubabulala bonke abemi baseAyi ezweni, entlango apho abebasukele khona, naxa babewile bonke ngohlangothi lwekrele bada bagqitywa, amaSirayeli onke abuyela eAyi, ayibulala ngohlangothi lwekrele.
-
25
|Josué 8:25|
Kwathi, bonke abawayo ngaloo mini, bethabathela kwindoda besisa kumfazi, bangamawaka alishumi elinamabini, bonke abantu baseAyi.
-
26
|Josué 8:26|
Akasibuyisanga uYoshuwa isandla sakhe, awolule umkhonto ngaso, bada batshatyalaliswa bonke abemi baseAyi.
-
27
|Josué 8:27|
Kodwa iinkomo namaxhoba aloo mzi azithimbela amaSirayeli ngokwelizwi likaYehova, abemwisele umthetho ngalo uYoshuwa.
-
28
|Josué 8:28|
Wayitshisa ke uYoshuwa iAyi, wayenza umwewe ingunaphakade, inxowa unanamhla.
-
29
|Josué 8:29|
Wamxhoma emthini ukumkani waseAyi kwada kwalixesha langokuhlwa; lakutshona ilanga, wawisa umthetho uYoshuwa ukuba basithule isidumbu sakhe emthini; basiphosa esithubeni sesango lomzi, bamisa phezu kwaso imfumba enkulu yamatye; ikhona unanamhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10