-
-
Xhosa
-
-
15
|Josué 9:15|
Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zabafungela nezikhulu zalo ibandla.
-
16
|Josué 9:16|
Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo.
-
17
|Josué 9:17|
Banduluka oonyana bakaSirayeli, bafika emizini yabo ngomhla wesithathu. Imizi yabo yiGibheyon, neKefira, neBheroti, neKiriyati-yeharim.
-
18
|Josué 9:18|
Oonyana bakaSirayeli abababulala, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla.
-
19
|Josué 9:19|
Zathi zonke izikhulu kwibandla lonke, Thina sifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo, ke ngoko asinakubachukumisa.
-
20
|Josué 9:20|
Masenjenje kubo: masibasindise, kungabikho burhalarhume phezu kwethu ngenxa yesifungo esabafungela sona.
-
21
|Josué 9:21|
Zathi izikhulu kubo, Mabadle ubomi; mababe ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi bebandla lonke; njengoko zathethayo izikhulu kubo.
-
22
|Josué 9:22|
Wababiza ke uYoshuwa, wathetha kubo, esithi, Nisikhohliseleni na, nisithi, Simgama kakhulu kuni; kanti nihleli kwaphakathi kwethu?
-
23
|Josué 9:23|
Niqalekisiwe ngoko; kuni akuyi kunqumka bakhonzi, bathezi beenkuni, bakhi bamanzi bendlu kaThixo wam.
-
24
|Josué 9:24|
Baphendula bathi kuYoshuwa, Baxelelwa ngokuqinisekileyo abakhonzi bakho. okokuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba uya kuninika lonke ilizwe, nokuba uya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe ebusweni benu; sayoyikela kunene ke imiphefumlo yethu ebusweni benu, senza le nto ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13