-
-
Xhosa
-
-
8
|Josué 10:8|
Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho.
-
9
|Josué 10:9|
Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali.
-
10
|Josué 10:10|
UYehova wabadubaduba phambi kwamaSirayeli, ababulala ngobulawo olukhulu eGibheyon; abasukela ngendlela enyuka iye eBhete-horon, ababulala kwada kwesa eAzeka, kwada kwesa naseMakeda.
-
11
|Josué 10:11|
Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawayo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele.
-
12
|Josué 10:12|
Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli: Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon.
-
13
|Josué 10:13|
Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo. Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela.
-
14
|Josué 10:14|
Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli.
-
15
|Josué 10:15|
Wabuya uYoshuwa, enamaSirayeli onke, waya eminqubeni eGiligali.
-
16
|Josué 10:16|
Basaba abo kumkani bahlanu, bazimela emqolombeni eMakeda.
-
17
|Josué 10:17|
Kwaxelwa kuYoshuwa, kwathiwa, Sibafumene ookumkani bobahlanu, bezimele emqolombeni eMakeda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7