-
-
Xhosa
-
-
25
|Josué 9:25|
Kalokunje nanku sisesandleni sakho; yenza njengoko kulungileyo, njengoko kuthe tye emehlweni akho ukwenza kuthi.
-
26
|Josué 9:26|
Wenjenjalo ke kubo, wabahlangula esandleni soonyana bakaSirayeli, abababulala.
-
27
|Josué 9:27|
UYoshuwa wabenza ngaloo mini abathezi beenkuni nabakhi bamanzi, ebandleni nasesibingelelweni sikaYehova, unanamhla, kuloo ndawo athe wayinyula.
-
1
|Josué 10:1|
Kwathi, akuva uAdoni-tsedeki, ukumkani wasiYerusalem, ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wayitshabalalisa; njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo, wenjenjalo kwiAyi nokumkani wayo; nokuba abemi baseGibheyon benze uxolo namaSirayeli, baba phakathi kwawo:
-
2
|Josué 10:2|
boyika kunene, kuba ngumzi omkhulu iGibheyon, njengomnye wemizi yobukumkani, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda ayo onke angamagorha.
-
3
|Josué 10:3|
Wesuka uAdoni-tsedeki ukumkani waseYerusalem, wathumela kuHoham ukumkani waseHebron, nakuPiram ukumkani waseYarmuti, nakuYafiya ukumkani waseLakishe, nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon, esithi,
-
4
|Josué 10:4|
Nyukani nize kum, nindincede, siyixabele iGibheyon; kuba yenze uxolo noYoshuwa noonyana bakaSirayeli.
-
5
|Josué 10:5|
Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo.
-
6
|Josué 10:6|
Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kuthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni.
-
7
|Josué 10:7|
Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13