-
-
Xhosa
-
-
60
|Josué 15:60|
IKiriyati-bhahali (yiKiriyati-yeharim ke leyo) neRabha: imizi emibini inemizana yayo.
-
61
|Josué 15:61|
Esentlango yiBhete-arabha, iMidin, neSekaka,
-
62
|Josué 15:62|
neNibheshan, noMzi weTyuwa, ne-Engedi: imizi emithandathu inemizana yayo.
-
63
|Josué 15:63|
Ke amaYebhusi, abengabemi baseYerusalem, ababanga nako ukuwagqogqa oonyana bakaYuda; ahlala amaYebhusi noonyana bakaYuda eYerusalem nanamhla.
-
1
|Josué 16:1|
Laphuma iqashiso noonyana bakaYosefu, lathabathela eYordan malunga neYeriko ngasemanzini aseYeriko ngasempumalanga, kwintlango enyuka eYeriko, eya ezintabeni ngaseBheteli.
-
2
|Josué 16:2|
Waphuma umda eBheteli, wasinga eLuzi, wegqitha waya emdeni wama-Arki eAtaroti; wehla waya entshonalanga emdeni wamaYafeleli,
-
3
|Josué 16:3|
wesa emdeni weBhete-horon yasezantsi, wesa eGezere; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.
-
4
|Josué 16:4|
Balabelwa ke ilifa labo oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim.
-
5
|Josué 16:5|
Umda woonyana bakaEfrayim wenjenje: umda welifa labo ngasempumalanga wayiAtaroti-adare, wesa eBhete-horon engasentla;
-
6
|Josué 16:6|
waphuma umda waya elwandle, eMikemetati ngasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-shilo, wegqitha khona ngasempumalanga eYanowa;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13