-
-
Xhosa
-
-
7
|Josué 16:7|
wehla eYanowa waya eAtaroti, naseNaharati, weza eYeriko, wema ngeYordan;
-
8
|Josué 16:8|
umda wesuka eTapuwa waya entshonalanga, eMlanjaneni weeNgcongolo; nokuma kwawo waya wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo;
-
9
|Josué 16:9|
nemizi leyo yahlulelwa oonyana bakaEfrayim yayiphakathi kwelifa loonyana bakaManase; yonke imizi yayinemizana yayo.
-
10
|Josué 16:10|
Abawagqogqanga amaKanan abemi eGezere. Ema amaKanan phakathi kwamaEfrayim unanamhla, akhonza efakwa uviko.
-
1
|Josué 17:1|
Saba neqashiso naso isizwe sakwaManase; ngokuba ngowamazibulo kuYosefu. Laba noMakire, owamazibulo kuManase, laba noyise kaGiliyadi; laba naye elaseGiliyadi nelaseBhashan,
-
2
|Josué 17:2|
kuba ebeyindoda yokulwa; laba nabanye oonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo; laba noonyana baka-Abhihezere, noonyana bakaHeleki, noonyana baka-Aseriyeli, noonyana bakaShekem, noonyana bakaHefere, noonyana bakaShemida; ngabo abo abantwana abangamadoda bakaManase, unyana kaYosefu, ngokwemizalwane yabo.
-
3
|Josué 17:3|
Ke uTselofehade, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, ebengenanyana; ebeneentombi zodwa. Ngawo la amagama eentombi zakhe: uMala, noNoha, noHogela, neMilka, noTirtsa.
-
4
|Josué 17:4|
Zasondela phambi koElazare umbingeleli, naphambi koYoshuwa unyana kaNun, naphambi kwezikhulu, zathi, UYehova wamwisela umthetho uMoses, ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu. Wazinika ke ngokomlomo kaYehova ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.
-
5
|Josué 17:5|
Zaba lishumi ke izabelo kuManase, ngaphandle kwelizwe laseGiliyadi, neBhashan ephesheya kweYordan;
-
6
|Josué 17:6|
ngokuba iintombi zikaManase zabelwa ilifa phakathi koonyana bakhe; lathi nelizwe laseGiliyadi laba lelabanye oonyana bakaManase.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13