-
-
Xhosa
-
-
17
|Josué 17:17|
Wathi uYoshuwa kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase, Ningabantu abaninzi, ninamandla amakhulu; aliyi kuba linye iqashiso lenu;
-
18
|Josué 17:18|
kuba eleentaba liya kuba lelenu, ngokuba lingamahlathi. Nowa hlahla, iinyele zawo zibe zezenu; kuba niya kuwagqogqa amaKanan, nakuba eneenqwelo zesinyithi, nakuba omelele.
-
1
|Josué 18:1|
Labizelwa ndawonye lonke ibandla lakwaSirayeli eShilo; bayimisa khona intente yokuhlangana. Leyiseka ilizwe phambi kwabo.
-
2
|Josué 18:2|
Kwasala phakathi koonyana bakaSirayeli izizwe ezisixhenxe, ezingabelwanga lifa lazo.
-
3
|Josué 18:3|
Wathi uYoshuwa koonyana bakaSirayeli, Koda kube nini na nikunqena ukuya kulihlutha elo zwe aninike lona uYehova uThixo wooyihlo?
-
4
|Josué 18:4|
Khuphani amadoda abe mathathu esizweni ngesizwe, ndiwathume, asuke acande ezweni, alibhale ngokwamafa azo, aze abuyele kum,
-
5
|Josué 18:5|
alabe libe zizabelo ezisixhenxe; uYuda eme emdeni wakhe ngasezantsi, indlu kaYosefu ime emdeni wayo ngasentla.
-
6
|Josué 18:6|
Nina ke nilibhale ilizwe lezabelo ezo zisixhenxe, niyizise ingxelo kum apha, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova uThixo wethu apha.
-
7
|Josué 18:7|
Kuba abaLevi abanasabelo phakathi kwenu, kuba ilifa labo bububingeleli bukaYehova; ke uGadi noRubhen nesiqingatha sesizwe sikaManase basebelithabathile ilifa labo awabanika lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan ngasempumalanga.
-
8
|Josué 18:8|
Asuka ke amadoda lawo ahamba. UYoshuwa wabawisela umthetho abo bahambayo beya kulibhala ilizwe, esithi, Yiyani, nilihambe ilizwe, nilibhale, nize nibuyele kum, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova eShilo apha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13