-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 13:11|
Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.
-
12
|Lucas 13:12|
Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
-
13
|Lucas 13:13|
Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
-
14
|Lucas 13:14|
Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
-
15
|Lucas 13:15|
Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza?
-
16
|Lucas 13:16|
Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?
-
17
|Lucas 13:17|
AkubonÂ’ ukuba uyazithetha ezo ndawo, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye.
-
18
|Lucas 13:18|
Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na?
-
19
|Lucas 13:19|
Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
-
20
|Lucas 13:20|
Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21