-
-
Xhosa
-
-
21
|Lucas 13:21|
Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
-
22
|Lucas 13:22|
Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem.
-
23
|Lucas 13:23|
Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?
-
24
|Lucas 13:24|
Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.
-
25
|Lucas 13:25|
Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.
-
26
|Lucas 13:26|
Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu.
-
27
|Lucas 13:27|
Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.
-
28
|Lucas 13:28|
Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.
-
29
|Lucas 13:29|
Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.
-
30
|Lucas 13:30|
Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21