-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 9:11|
Zithe ke zakwazi izihlwele, zamlandela. Wazamkela ke; wayethetha kuzo ngabo ubukumkani bukaThixo; wayebaphilisa ababeswele impilo.
-
12
|Lucas 9:12|
Ke kaloku yaqala ukumka imini. Beza ke abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze bemke, baye emizini ejikelezileyo, nasemaphandleni, balale, ze bafumane into edliwayo; ngokuba apha sikwindawo eyintlango.
-
13
|Lucas 9:13|
Uthe ke kubo, Bapheni nina badle. Bathi ke bona, Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siya kuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba bantu.
-
14
|Lucas 9:14|
Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqiseni, babe yimityino emashumi ngamahlanu.
-
15
|Lucas 9:15|
Benjenjalo, babangqengqisa bonke.
-
16
|Lucas 9:16|
Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.
-
17
|Lucas 9:17|
Badla bahlutha bonke; kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini.
-
18
|Lucas 9:18|
Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na?
-
19
|Lucas 9:19|
Baphendula ke bona, bathi, Zithi unguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi unguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka mprofeti uthile kumanyange.
-
20
|Lucas 9:20|
Uthe ke kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, Unguye uKristu kaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21