-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Levítico 10:9|
Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo;
-
10
|Levítico 10:10|
ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;
-
11
|Levítico 10:11|
nokuze bayalwe oonyana bakaSirayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova kubo ngoMoses.
-
12
|Levítico 10:12|
Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo.
-
13
|Levítico 10:13|
Nize niwudle endaweni engcwele, kuba umiselwe wena, umiselwe oonyana bakho, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.
-
14
|Levítico 10:14|
Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho; zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli.
-
15
|Levítico 10:15|
Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
-
16
|Levítico 10:16|
Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aron abaseleyo, esithi,
-
17
|Levítico 10:17|
Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uninike lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.
-
18
|Levítico 10:18|
Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34