-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Levítico 10:19|
Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?
-
20
|Levítico 10:20|
Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.
-
1
|Levítico 11:1|
Wathetha uYehova kuMoses na kuAron, esithi kubo,
-
2
|Levítico 11:2|
Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi, Zizo ezi izinto eziphilileyo enodla zona ezintweni zonke ezizitho zine ezisehlabathini:
-
3
|Levítico 11:3|
zonke izinto ezithiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe kubini, ezetyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, nozidla ezo.
-
4
|Levítico 11:4|
Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
-
5
|Levítico 11:5|
nembila, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
-
6
|Levítico 11:6|
nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso, ke awuluthe gqiphu uphuphu, uyinqambi kuni;
-
7
|Levítico 11:7|
nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, ke ilucande kubini uphuphu, yabe ingawutyisi umtyiso, iyinqambi kuni.
-
8
|Levítico 11:8|
Inyama yezo nto ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi; ziziinqambi kuni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34