-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Levítico 2:4|
Xa usondeza umsondezo ongumnikelo wokudla okosiweyo ezikweni lezonka, woba yimiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, ezithanjiswe ioli.
-
5
|Levítico 2:5|
Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okungepani, woba ngumgubo ocoliweyo ongenagwele, ugalelwe ioli.
-
6
|Levítico 2:6|
Wowuqhekeza ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo: ngumnikelo wokudla ke lowo.
-
7
|Levítico 2:7|
Ke ukuba umsondezo wakho ungumnikelo wokudla okuphekiweyo ngembiza, mawenziwe ngomgubo ocoliweyo, oneoli.
-
8
|Levítico 2:8|
Uze uwuzise umnikelo wokudla owenziweyo ngezo nto kuYehova, uwusondeze kumbingeleli, awuse esibingelelweni;
-
9
|Levítico 2:9|
asuse umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
-
10
|Levítico 2:10|
Okuseleyo komnikelo wokudla koba kokuka-Aron noonyana bakhe; iyingcwele kangcwele yasekudleni kwasemlilweni kukaYehova.
-
11
|Levítico 2:11|
Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingenziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.
-
12
|Levítico 2:12|
Ningazisondeza kuYehova zibe ngumsondezo wokuqala; mazinganyuswa esibingelelweni, ukuba zibe livumba elithozamisayo.
-
13
|Levítico 2:13|
Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla woyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10