-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Levítico 4:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi
-
2
|Levítico 4:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa athe ubani wona ngokulahlekana nomthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wezinto ezingezakwenziwa, wenza enye kuzo:
-
3
|Levítico 4:3|
ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wona, bazeka ityala abantu: wosondeza kuYehova ngenxa yesono sakhe one ngaso inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, libe lidini lesono.
-
4
|Levítico 4:4|
Woyizisa inkunzi entsha emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yenkunzi entsha, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.
-
5
|Levítico 4:5|
Umbingeleli othanjisiweyo wocaphula egazini lenkunzi entsha,
-
6
|Levítico 4:6|
alizise ententeni yokuhlangana; awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe ngenxalenye yelo gazi izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane wengcwele;
-
7
|Levítico 4:7|
ayidyobhe umbingeleli inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo sesiqhumiso esimnandi esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana; ke lonke igazi lenkunzi entsha aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.
-
8
|Levítico 4:8|
Amanqatha onke enkunzi entsha yedini lesono maze awasuse kulo: umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, nezintso zombini,
-
9
|Levítico 4:9|
nenqathalazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni,
-
10
|Levítico 4:10|
njengoko asuswayo enkomeni yombingelelo woxolo. Woqhumisela ngawo umbingeleli esibingelelweni sedini elinyukayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7