-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
39
|Levítico 11:39|
Xa kuthe kwafa nto izitho zine idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.
-
40
|Levítico 11:40|
Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.
-
41
|Levítico 11:41|
Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa.
-
42
|Levítico 11:42|
Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-ne, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe.
-
43
|Levítico 11:43|
Musani ukuyenza imiphefumlo yenu ibe nezothe ngenyakanyaka yonke enyakazelayo, ize ningazenzi inqambi ngayo, nibe yinqambi ngayo.
-
44
|Levítico 11:44|
Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni.
-
45
|Levítico 11:45|
Ngokuba ndinguYehova oninyuse ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo wenu; ize nibe ngcwele, ngokuba ndiyiNgcwele.
-
46
|Levítico 11:46|
Nguwo lowo umyalelo weento ezizitho zine, neentaka, nemiphefumlo yonke ephilileyo enambuzelayo emanzini, nemiphefumlo yonke enyakazelayo emhlabeni;
-
47
|Levítico 11:47|
woyahlula eyinqambi kwehlambulukileyo, nento ephilileyo edliwayo kwinto ephilileyo engadliwayo.
-
1
|Levítico 12:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34