-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Levítico 13:4|
Ukuba itshatshazi lithe lamhlophe eluswini lwenyama yakhe, alabonakala lithe gangqa eluswini, alwasuka lwaba mhlophe unwele lwalo, umbingeleli womvalela onesibetho imihla esixhenxe;
-
5
|Levítico 13:5|
umbingeleli amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho simi emehlweni akhe, asiqhenqethi isibetho eluswini; wophinda umbingeleli amvalele imihla esixhenxe.
-
6
|Levítico 13:6|
Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho eluswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.
-
7
|Levítico 13:7|
Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli;
-
8
|Levítico 13:8|
umbingeleli akhangele, O! ukujaduka kuqhenqethile eluswini; umbingeleli wothi uyinqambi: liqhenqa ke elo.
-
9
|Levítico 13:9|
Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;
-
10
|Levítico 13:10|
akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe eluswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:
-
11
|Levítico 13:11|
liqhenqa elidala eli eluswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.
-
12
|Levítico 13:12|
Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu eluswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulusu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,
-
13
|Levítico 13:13|
umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34