-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
34
|Levítico 13:34|
Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga eluswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa eluswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.
-
35
|Levítico 13:35|
Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe,
-
36
|Levítico 13:36|
wakukhangela umbingeleli, O! ukudlathuka kuqhenqethile eluswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.
-
37
|Levítico 13:37|
Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.
-
38
|Levítico 13:38|
Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana eluswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe,
-
39
|Levítico 13:39|
wakhangela umbingeleli, O! amatshatshazi eluswini lwenyama yabo akanabumhlophe: litshanda elo, lithe qwele eluswini; uhlambulukile.
-
40
|Levítico 13:40|
Indoda xa ithe intloko yayo yaguda: yinkqayi leyo, uhlambulukile.
-
41
|Levítico 13:41|
Ukuba ithe yaguda intloko yayo, yathabathela ecaleni lobuso bayo: yimpandla leyo, uhlambulukile.
-
42
|Levítico 13:42|
Xa kuthe kwakho enkqayini, nokuba kusempandleni, isibetho esimhlophe sayingqombela: liqhenqa elo elithe qwele enkqayini yakhe, nokuba kusempandleni yakhe.
-
43
|Levítico 13:43|
Umbingeleli womkhangela, O! ukufukuka kweso sibetho kumhlophe, kwayingqombela, enkqayini yakhe nokuba kusempandleni yakhe, ngokubonakala kweqhenqa lolusu lwenyama:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34