-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Levítico 13:24|
Ke inyama, xa kuthe kwakho eluswini lwayo umtshiso womlilo, kwathi ukuphola komtshiso kwaba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, nokuba limhlophe kanye,
-
25
|Levítico 13:25|
walikhangela umbingeleli itshatshazi, O! lusuke lwamhlophe unwele etshatshazini, libonakala lithe gangqa eluswini: liqhenqa ke elo; lithe qwele emtshisweni. Umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
-
26
|Levítico 13:26|
Ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! akukho lunwele lumhlophe etshatshazini, alithe gangqa eluswini, libunile: umbingeleli womvalela imihla esixhenxe;
-
27
|Levítico 13:27|
akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu eluswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
-
28
|Levítico 13:28|
Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha eluswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko. Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.
-
29
|Levítico 13:29|
Xa kuthe kwakho isibetho kwindoda nenkazana entloko, nokuba kusesilevini;
-
30
|Levítico 13:30|
wasikhangela umbingeleli isibetho, O! sithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.
-
31
|Levítico 13:31|
Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.
-
32
|Levítico 13:32|
Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa eluswini,
-
33
|Levítico 13:33|
wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34