-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Levítico 18:25|
Lenziwe inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo.
-
26
|Levítico 18:26|
Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu.
-
27
|Levítico 18:27|
Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe;
-
28
|Levítico 18:28|
ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu.
-
29
|Levítico 18:29|
Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo.
-
30
|Levítico 18:30|
Ngoko ke ize nisigcine isigxina sam, ningenzi namnye ummiselo olisikizi owenziwa phambi kwenu, ningazenzi iinqambi ngawo: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
1
|Levítico 19:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 19:2|
Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu.
-
3
|Levítico 19:3|
Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
4
|Levítico 19:4|
Musani ukubheka kwiinto ezingeni; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36