-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Levítico 19:25|
Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
26
|Levítico 19:26|
Ize ningadli nto inegazi. Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.
-
27
|Levítico 19:27|
Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho.
-
28
|Levítico 19:28|
Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.
-
29
|Levítico 19:29|
Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.
-
30
|Levítico 19:30|
Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.
-
31
|Levítico 19:31|
Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.
-
32
|Levítico 19:32|
Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
-
33
|Levítico 19:33|
Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli.
-
34
|Levítico 19:34|
Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36