-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
35
|Levítico 19:35|
Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento.
-
36
|Levítico 19:36|
Noba nezikali zobulungisa, namatye obulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.
-
37
|Levítico 19:37|
Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova.
-
1
|Levítico 20:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 20:2|
Yithi koonyana bakaSirayeli: Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.
-
3
|Levítico 20:3|
Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.
-
4
|Levítico 20:4|
Ukuba abantu belizwe elo bathe bawafihla ukuwafihla oku amehlo abo kuloo mntu, ekuyinikeni kwakhe uMoleki imbewu yakhe, abambulala:
-
5
|Levítico 20:5|
mna ndomchasa loo mntu nemizalwane yakhe, ndimnqamle, nabo bonke abahenyuza ngokumlandela, behenyuzela ukumlandela uMoleki, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.
-
6
|Levítico 20:6|
Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamla, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
-
7
|Levítico 20:7|
Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36