-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Levítico 20:8|
Ize niyigcine imimiselo yam niyenze: ndinguYehova oningcwalisayo.
-
9
|Levítico 20:9|
Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.
-
10
|Levítico 20:10|
Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexeze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.
-
11
|Levítico 20:11|
Indoda esukuba imlala umkayise, ityhile ubuze bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.
-
12
|Levítico 20:12|
Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.
-
13
|Levítico 20:13|
Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi: mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.
-
14
|Levítico 20:14|
Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.
-
15
|Levítico 20:15|
Indoda esukuba ilala into ezitho zine, mayibulawe ife; naloo nto izitho zine niyibulale.
-
16
|Levítico 20:16|
Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho zine mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.
-
17
|Levítico 20:17|
Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuze bakhe, wabubona yena ubuze bayo, benze ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhile ubuze bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 35-36