-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Levítico 4:31|
Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.
-
32
|Levítico 4:32|
Ukuba ke umsondezo wakhe wedini lesono uyimvana, wozisa ithokazi eligqibeleleyo;
-
33
|Levítico 4:33|
acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo.
-
34
|Levítico 4:34|
Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.
-
35
|Levítico 4:35|
Maze awasuse onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha emvana kumbingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe one ngaso; woxolelwa ke.
-
1
|Levítico 5:1|
Ke ubani xa athe wona ngokuthi, elivile izwi lesifungo sokuzishwabulela, elingqina ke, nokuba ubonile, nokuba uyazi, angaxeli: wobuthwala ubugwenxa bakhe.
-
2
|Levítico 5:2|
Ubani osukuba echukumisa into yonke eyinqambi, nokuba sisidumbu sezinto eziphilileyo eziziinqambi, nokuba sisidumbu sezinto ezizitho zine eziziinqambi, nokuba sisidumbu sesinambuzane esiyinqambi, engakwazi oko: uyinqambi, uzeke ityala.
-
3
|Levítico 5:3|
Xa athe wachukumisa ubuqambi bomntu, ubunqambi bakhe bonke ayinqambi ngabo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala.
-
4
|Levítico 5:4|
Xa ke ubani athe wafunga, waphololoza ngomlomo wakhe, esithi, uya kwenza into, nokuba imbi, nokuba ilungile, ezintweni zonke athe waziphololoza umntu ngesifungo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeke ityala nangayiphi kwezo nto.
-
5
|Levítico 5:5|
Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into one ngayo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 25-27