-
-
Xhosa
-
-
11
|Miqueas 1:11|
Dlulani, bemi baseShafire, nihambe ze ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga: umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.
-
12
|Miqueas 1:12|
Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhle ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.
-
13
|Miqueas 1:13|
Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.
-
14
|Miqueas 1:14|
Ngako oko uya kuyinika iMoreshete yaseGati inqakwe; izindlu zaseAkezibhi ziya kuba ngumlambo okhohlisayo kookumkani bakwaSirayeli.
-
15
|Miqueas 1:15|
Ndisaya kuyizisa indlalifa kuni, bemi baseMaresha; baya kufika eAdulam abazukileyo bakwaSirayeli. Chebani, niziguye iintloko, ngenxa yoonyana beziyolo zenu;
-
16
|Miqueas 1:16|
kwenzeni banzi ukucheba kwenu, njengexhalanga; kuba bathinjiwe kuwe.
-
1
|Miqueas 2:1|
Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebenze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo.
-
2
|Miqueas 2:2|
Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.
-
3
|Miqueas 2:3|
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.
-
4
|Miqueas 2:4|
Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sibhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusisusa kwakhe kum! amasimi ethu uwabela amaphamba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7