-
-
Xhosa
-
-
12
|Miqueas 3:12|
Ngako oko, ngenxa yenu iya kulinywa iZiyon ibe yintsimi, iYerusalem ibe yimiwewe, intaba yayo indlu ibe yimimango yehlathi.
-
1
|Miqueas 4:1|
Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuzinza encotsheni yazo iintaba, yona iziphakamele iinduli, zibe ngumsinga izizwe ukuya kuyo.
-
2
|Miqueas 4:2|
Ziya kubamba iintlanga ezininzi, zithi, Hambani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi, ukuze asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe; kuba uya kuphuma eZiyon umyalelo, nelizwi likaYehova eYerusalem.
-
3
|Miqueas 4:3|
Uya kugweba phakathi kwezizwe ezininzi, ohlwaye iintlanga ezinamandla, ade ase kude; ziwakhande, amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zokuthena imidiliya. Uhlanga aluyi kuphakamisela kuhlanga ikrele lalo, bangabi safunda ukulwa.
-
4
|Miqueas 4:4|
Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.
-
5
|Miqueas 4:5|
Kuba zonke izizwe zihamba, sona eso egameni lothixo waso; thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.
-
6
|Miqueas 4:6|
Ngayo loo mini, utsho uYehova, ndiya kubahlanganisa abaqhwalelayo, ndibabuthe abagxothiweyo, nabendibaphethe kakubi;
-
7
|Miqueas 4:7|
ndibenze abaqhwalelayo babe ngamasalela, nabakhweleliselwa kude babe luhlanga olunamandla, uYehova abe ngukumkani kubo entabeni yeZiyon, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
-
8
|Miqueas 4:8|
Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo, lokuba bubukumkani bentombi enguYerusalem.
-
9
|Miqueas 4:9|
Ngokunje ukhalelani na ngoku kukhala? Akakho na ukumkani kuwe? Umcebisi wakho ubhubhile na, ukuba ubanjwe nje kukuzibhijabhija, njengozalayo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7