-
-
Xhosa
-
-
5
|Miqueas 2:5|
Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova.
-
6
|Miqueas 2:6|
Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba abathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo.
-
7
|Miqueas 2:7|
Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye?
-
8
|Miqueas 2:8|
Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, abadlula bekholosile, bengathandi kulwa.
-
9
|Miqueas 2:9|
Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo; ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade.
-
10
|Miqueas 2:10|
Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxa yobunqambi bayo obonakalisayo, obonakalisayo kakhulu.
-
11
|Miqueas 2:11|
Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu.
-
12
|Miqueas 2:12|
Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu.
-
13
|Miqueas 2:13|
Unyuke phambi kwabo umgqobhozi; bayagqobhoza, bayangena esangweni, bayaphuma kwangalo; ukumkani wabo uhamba phambi kwabo, uYehova esentloko kubo.
-
1
|Miqueas 3:1|
Ndathi, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli; asikokwenu na ukukwazi okusesikweni?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5