-
-
Xhosa
-
-
10
|Miqueas 4:10|
Zibhijabhije, ubhanyalaze njengozalayo, ntombi inguZiyon; ngokuba ngoku uya kuphuma phakathi komzi, uhlale endle, ude uye eBhabheli; uya kuhlangulwa khona; uya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho.
-
11
|Miqueas 4:11|
Ngoku ke kuhlanganisene iintlanga ezininzi ngawe, zisithi, Mayihlanjelwe, ayibone amehlo ethu iZiyon.
-
12
|Miqueas 4:12|
Ke zona ezi azizazi iingcinga zikaYehova, aziliqondi icebo lakhe; kuba uzibuthile njengezithungu zesanda.
-
13
|Miqueas 4:13|
SukÂ’ ume, ubhule, ntombi inguZiyon, kuba uphondo lwakho ndilwenza isinyithi, neempuphu zakho ndizenza ubhedu. Uya kucola iintlanga ezininzi, uyisingele phantsi kuYehova inzuzo yazo embi, ubusingele phantsi kwiNkosi yehlabathi lonke ubutyebi bazo.
-
1
|Miqueas 5:1|
Kaloku ngungelanani, ntombi yongungelwano; bayasingqinga, babetha ngentonga esidleleni nakumgwebi wakwaSirayeli.
-
2
|Miqueas 5:2|
Ke wena, Bhetelehem-efrata, umncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.
-
3
|Miqueas 5:3|
Ngako oko uya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli;
-
4
|Miqueas 5:4|
uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku uya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.
-
5
|Miqueas 5:5|
Woba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.
-
6
|Miqueas 5:6|
Baya kulalusa ilizwe laseAsiriya ngekrele, nelizwe lakwaNimrodi emasangweni alo; asihlangule kuma-Asiriya, xa azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo emideni yethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5