-
-
Xhosa
-
-
7
|Miqueas 5:7|
Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.
-
8
|Miqueas 5:8|
Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi; njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ingacanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.
-
9
|Miqueas 5:9|
Masiphakame isandla sakho, sibe phezu kwababandezeli bakho, zinqunyulwe zonke iintshaba zakho.
-
10
|Miqueas 5:10|
Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, ndiwanqumle amahashe akho, angabikho phakathi kwakho, ndizitshabalalise iinqwelo zakho zokulwa.
-
11
|Miqueas 5:11|
Ndoyinqumla imizi yelizwe lakowenu, ndizigungxule zonke iinqaba zakho;
-
12
|Miqueas 5:12|
ndibanqamle abakhafuli, bangabikho esandleni sakho; amatola angabikho kuwe.
-
13
|Miqueas 5:13|
Ndiya kuyinqumla imifanekiso yakho eqingqiweyo, nezimiso zakho zamatye, zingabikho phakathi kwakho; ungabi saqubuda kumsebenzi wezandla zakho.
-
14
|Miqueas 5:14|
Ndobanyothula ooAshera bakho, bangabikho phakathi kwakho; ndiyitshabalalise imizi yakho.
-
15
|Miqueas 5:15|
Ndiya kuphindezela ndinomsindo, ndishushu ezintlangeni ezingevayo.
-
1
|Miqueas 6:1|
Khanive akuthethayo uYehova; uthi, SukÂ’ ume, ubambanene entaba, iinduli zilive ilizwi lakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7