-
-
Xhosa
-
-
12
|Miqueas 6:12|
Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lube lunenkohliso emlonyeni wabo.
-
13
|Miqueas 6:13|
Nam ke ndikuxabele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho.
-
14
|Miqueas 6:14|
Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikele ekreleni.
-
15
|Miqueas 6:15|
Wena uya kuhlwayela, ungavuni; wena uya kuxovula umnquma, ungazithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungaseli wayini.
-
16
|Miqueas 6:16|
Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinenze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.
-
1
|Miqueas 7:1|
Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam.
-
2
|Miqueas 7:2|
Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.
-
3
|Miqueas 7:3|
Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha.
-
4
|Miqueas 7:4|
Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyeza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo.
-
5
|Miqueas 7:5|
Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zigcine iingcango zomlomo wakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19