- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Números 14:1|
									Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ungobo busuku.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Números 14:2|
									Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron;  lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa!  Akwaba besifele nakule ntlango!									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Números 14:3|
									Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwelikrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba?  Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Números 14:4|
									Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Números 14:5|
									Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Números 14:6|
									UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune,  ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Números 14:7|
									Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Números 14:8|
									Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike;  lilizwe elibaleka amasi nobusi.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Números 14:9|
									Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Números 14:10|
									Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15