-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Números 14:31|
Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.
-
32
|Números 14:32|
Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;
-
33
|Números 14:33|
oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mane, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.
-
34
|Números 14:34|
Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mane, umhla ube ngumnyaka, niyakubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mane, nikwazi ukunishiya kwam.
-
35
|Números 14:35|
Mna Yehova ndithethile; inene, le nto ndiya kuyenza kweli bandla lonke lingendawo, kwaba bahlangene ngam; baya kuphela kule ntlango, bafele kuyo.
-
36
|Números 14:36|
Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe,
-
37
|Números 14:37|
wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, afa sisibetho eso phambi koYehova.
-
38
|Números 14:38|
Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.
-
39
|Números 14:39|
Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.
-
40
|Números 14:40|
Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siyakunyuka siyekuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4