-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 33:1|
Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumayo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron.
-
2
|Números 33:2|
UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo:
-
3
|Números 33:3|
Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.
-
4
|Números 33:4|
AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.
-
5
|Números 33:5|
Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti.
-
6
|Números 33:6|
Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango.
-
7
|Números 33:7|
Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahali-tsefon, bamisa phambi kweMigidoli.
-
8
|Números 33:8|
Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara.
-
9
|Números 33:9|
Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona.
-
10
|Números 33:10|
Banduluka e-Elim, bamisa ngaseLwandle oluBomvu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7