- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Números 36:1|
									Kwasondela iintloko zezindlu zooyise ngokwemizalwane yoonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase,  wasemizalwaneni yoonyana bakaYosefu, bathetha phambi koMoses naphambi kwezikhulu, iintloko zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Números 36:2|
									bathi, UYehova wayiwisela umthetho inkosi yethu, ukuba ibanike ilizwe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa. Inkosi yethu ke yawiselwa umthetho nguYehova, ukuba ilifa likaTselofehadi, umzalwana wethu, ilinike iintombi zakhe.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Números 36:3|
									Ke ukuba zithe zaba ngabafazi bothile koonyana bezizwe zoonyana bakaSirayeli, loncitshiswa ilifa loobawo lilifa lazo,  longezelelwe kwilifa lesizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe iqashiso lelifa lethu.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Números 36:4|
									Ukuba uthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifalazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Números 36:5|
									Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Números 36:6|
									Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Números 36:7|
									ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Números 36:8|
									Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise, ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Números 36:9|
									ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liyesizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Números 36:10|
									Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15