- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									21
									 
									 
									|Números 4:21|
									Wathetha uYehova kuMoses, esithi,									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Números 4:22|
									Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo,									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Números 4:23|
									bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse,  base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Números 4:24|
									Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Números 4:25|
									bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana,  isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Números 4:26|
									namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.									
									    
								 
- 
									
									27
									 
									 
									|Números 4:27|
									Woba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo.									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Números 4:28|
									Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.									
									    
								 
- 
									
									29
									 
									 
									|Números 4:29|
									Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo,  ngokwezindlu zooyise,									
									    
								 
- 
									
									30
									 
									 
									|Números 4:30|
									bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse,  base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15