- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									31
									 
									 
									|Números 4:31|
									Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo,  neentsika zawo, neziseko zawo, neentsika zentendelezo ngeenxa zonke,									
									    
								 
- 
									
									32
									 
									 
									|Números 4:32|
									neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo,  ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.									
									    
								 
- 
									
									33
									 
									 
									|Números 4:33|
									Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari,  ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.									
									    
								 
- 
									
									34
									 
									 
									|Números 4:34|
									OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,									
									    
								 
- 
									
									35
									 
									 
									|Números 4:35|
									bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse,  base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.									
									    
								 
- 
									
									36
									 
									 
									|Números 4:36|
									Ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.									
									    
								 
- 
									
									37
									 
									 
									|Números 4:37|
									Ngabo abo ababalwayo kwimizalwane yakwaKehati; bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.									
									    
								 
- 
									
									38
									 
									 
									|Números 4:38|
									Ababalwayo koonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo,  ngokwezindlu zooyise,									
									    
								 
- 
									
									39
									 
									 
									|Números 4:39|
									bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse,  base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,									
									    
								 
- 
									
									40
									 
									 
									|Números 4:40|
									ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,  baba ngamawaka amabini, anamakhulu mathandathu, anamanci mathathu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15