-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Números 3:3|
Ngawo lawo amagama oonyana baka-Aron, ababingeleli abathanjiswayo, bamiselwa ukuba babe ngababingeleli.
-
4
|Números 3:4|
Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; ababa nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.
-
5
|Números 3:5|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
6
|Números 3:6|
Sisondeze isizwe sakwaLevi, usimise phambi koAron umbingeleli, ukuba balungiselele kuye.
-
7
|Números 3:7|
Bosigcina isigxina sakhe nesigxina sebandla lonke phambi kwentente yokuhlangana, ukuba basebenze umsebenzi womnquba;
-
8
|Números 3:8|
bazigcine iimpahla zonke zentente yokuhlangana, nesigxina soonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi womnquba.
-
9
|Números 3:9|
Womnika abaLevi uAron noonyana bakhe, abanikwe banikwa ngoonyana bakaSirayeli;
-
10
|Números 3:10|
ooAron noonyana bakhe ubenze bavelele babugcine ububingeleli babo. Owasemzini osondelayo makabulawe.
-
11
|Números 3:11|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
12
|Números 3:12|
Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7