-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
33
|Números 3:33|
KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.
-
34
|Números 3:34|
Ababalwayo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.
-
35
|Números 3:35|
Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaMerari nguTsuriyeli, unyana ka-Abhihayili; yomisa iintente ngecala lomnquba elingasentla.
-
36
|Números 3:36|
Isigxina soonyana bakaMerari kukugcina iiplanga zomnquba nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neempahla zawo zonke, nomsebenzi wawo wonke,
-
37
|Números 3:37|
neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo.
-
38
|Números 3:38|
Abomisa iintente phambi komnquba ngasempumalanga, phambi kwentente yokuhlangana, nguMoses, noAron, noonyana bakhe, abagcina isigxina sengcwele, ngokwesigxina soonyana bakaSirayeli. Owasemzini osondelayo makabulawe.
-
39
|Números 3:39|
Bonke ke ababalwayo bakwaLevi, ababalwayo nguMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngokwemizalwane yabo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamashumi amabini anamabini amawaka.
-
40
|Números 3:40|
Wathi uYehova kuMoses, Wabale onke amazibulo ento eyindoda koonyana bakaSirayeli, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, uthabathe inani lamagama awo.
-
41
|Números 3:41|
Wondithabathela mna Yehova abaLevi, esikhundleni samazibulo onke aphakathi koonyana bakaSirayeli; neenkomo zabaLevi esikhundleni samazibulo onke ezinkomeni zoonyana bakaSirayeli.
-
42
|Números 3:42|
Wawabala ke uMoses onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7