-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Números 4:2|
Libale inani loonyana bakaKehati abaphakathi koonyana bakaLevi ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
-
3
|Números 4:3|
uthabathele kominyaka imashumi mathathu ezelwe, unyuse, use kominyaka imashumi mahlanu ezelwe: labo bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba benze umsebenzi ententeni yokuhlangana.
-
4
|Números 4:4|
Nguwo lo umsebenzi woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana wengcwele kangcwele:
-
5
|Números 4:5|
ekundulukeni komkhosi eminqubeni bongena ooAron noonyana bakhe, bawuthule umkhusane osisisitheliso, bayigubungele ngawo ityeya yesingqino.
-
6
|Números 4:6|
Bobeka phezu kwawo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi batwabulule ngaphezulu ingubo ebala limsi liphela, bazifake izibonda zawo.
-
7
|Números 4:7|
Ize batwabulule ingubo ebala limsi phezu kwetafile yezonka zokubonisa, babeke phezu kwayo izitya, neenkamba, namathunga, neendebe zokuthululwa, nezonka zamaxhesha onke, zibe phezu kwayo.
-
8
|Números 4:8|
Botwabulula phezu kwazo ingubo ebomvu, bagubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zayo.
-
9
|Números 4:9|
Bothabatha ingubo ebala limsi, bagubungele isiphatho sezikhanyiso nezibane zaso, nezifinyiso zaso, neenkamba zaso, nazo zonke izitya zeoli zaso abasilungiselela ngazo;
-
10
|Números 4:10|
basibeke nempahla yaso yonke esigubungelweni sezikhumba zamahlengezi, basibeke ethaleni.
-
11
|Números 4:11|
Ize batwabulule phezu kwesibingelelo segolide ingubo ebala limsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7