-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Números 4:22|
Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo,
-
23
|Números 4:23|
bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
-
24
|Números 4:24|
Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:
-
25
|Números 4:25|
bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
-
26
|Números 4:26|
namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.
-
27
|Números 4:27|
Woba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo.
-
28
|Números 4:28|
Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
-
29
|Números 4:29|
Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
-
30
|Números 4:30|
bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.
-
31
|Números 4:31|
Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neentsika zentendelezo ngeenxa zonke,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7